










UGQIRHA Sipho

Gqirha Sipho, Ndingumfana one-17 leminyaka ubudala kwaye ingxaki yam kukuba ndiyakhawuleza ukufikelela kwincam xa ndinendibano yesondo nentombazana endincuma nayo. Nayo iyakukhalazela oku. Ithi andiyanelisi. Gqirha ngaba ndinako ukumithisa njengokuba ndinale ngxaki? Ndincede.
NguM.T., eKomani.

Indibano yesondo ayisosenzo nje kuphela, ikwalunxulumano phakathi kwabantu ababini. Ngenxa yoku, zininzi izinto ezinokuba sisiphazamiso, njengokuxhalaba, ukudinwa nokungaphili kakuhle. Sesinye sezizathu ezibangela ukuba indibano yesondo ilungiselelwe ubudlelwane obukhuselekileyo obufana nomtshato, Ukukhawuleza ufikelele kwincam yendibano yesondo kuyingxaki exhaphakileyo kwaye amaxa amaninzi
isibini siye sifumane isisombululo ngokunyamazela nangokuqeqeshwa. Ukuphinda nibe nendibano kwiiyure ezimbalwa emveni kokuba nigqibile kuyanceda. Ukuze obhinqileyo amithe kufuneka incindi yobudoda ingene kwilungu lakhe langasese.

Gqirha Sipho, Ndinomntwana oyinkwenkwe onerhasha1a1a eyenza abe namabala amnyama ebusweni najika abe zizibhaxu. Oku kwaqa1a eneminyaka emibini. Ndimse koogqirha abaliqela kodwa akuncedi oko. Ndicela isisombululo.
NguM.M., eGermiston.

Ngendlela oyichaza ngayo le rhashalala kunzima ukuyichana. Nanjengoko ngathi ziyaqhubeka le meko mhlawumbi kukho into engevaniyo negazi lakhe. Into ebalulekileyo kukuzama ukufumanisa ukuba yintoni leyo -mhlawumbi kukutya okuthile, isepha
ethile, isepha engumgubo okanye yintyatyambo mhlawumbi isilwanyana. Uvavanyo oluza kuchana unobangela luyenziwa esibhedlele. Zikhona izithambiso ezinokukunceda ukuba ngaba awukafumaneki unobangela.

Gqirha Sipho,
 Ndilinenekazi elineminyaka engama-34 ubuda1a elingenabantwana. Ndinengxaki yokuphuma incindi engathi lubisi apha emabeleni. Ndiya ngokuqhelekileyo exesheni kodwa maxa wambi ndidla ngokukhupha igazi elingamahlwili amnyama. Kuda1a kuqhubeka oku.
NgUW.R., eBhayi.

Zonke ezi meko uzichazayo zinokubangelwa yinaliti yokucwangcisa. Oku kungaqhubeka iminyaka emibini emveni kokuba uyekile ukuyisebenzisa. Naxa kunjalo, ndikucebisa ukuba udibane nogqirha akuchazele eyona ngxakiyakho. 









WORD PUZZLE
UNGAWINA
i-R25 000!
KODWA XA LINGEKHO INGENELO ELICHANE
NGOKUTHE GQATHU, INGENELO
ELINEEMPOSISO EZIMBALWA LIYA KUWINA
i-R5 000!
NGENELA NGOKU!
Phofu ukuba wenza ngale ndlela unethuba elibhekele phaya lokuwina ibhaso elikhulu.. Nanku umzekelo wokuzalisa isivakalisi ngasinye:
































KUQALA, FUNDA
APHA
*	NGOKUNGENELA iBona WORD PUZZLE YETHU UYA KUBA UNCEDA ABANTU ABANINZI. Kunjalo kanye, lmaii oyithumelayo iya ebhankini ize ke isetyenziswe ekuncedeni abantu bakowethu kwiilzwe liphela. lsetyenziswa ekwakhenl iipakl zokudlalela. ekuthumeleni abantwana esikolweni, ekwakheni amagumbi okufundela, nakwezinye izinto ezininzi ngokunjalo. Ngako oko ke, khumbula, uya kuba unceda abanye abantu.
*	UYA KUBA UYAZINCEDA NAWE.
Kulungile ke, le puzzle iya kukunceda ekufundeni isiNgesi. Ukuba unegama ongalaziyo, buza kumhlobo wakho ukuba lithetha ntoni na, okanye ke ulikhangele kwisichazi-magama, Uya kumangaliswa ylndlela isiNgesi sakho esiya kuya siphucuka ngokuphucuka ngayo. Kanti ngaphezulu, unokuwina isityhwentywe seMALI!



OMAWU KWENZE
Kuqala, jongo kwikhasi elilandelayo. Ubona ikhuphoni neepuzzle ezintathu, ziyafana zonke? Kulungile ke, inye kuzo iiNGENELO, kwaye ukuba ujonga ngaphaya kwikhasi uya kufumana amanye amangenelo amane. Ngoku ke, uyayibona na indlela ipuzzle eyenziwe ngayo yazizivakalisi ezingama-20. namagarna amabini okanye amathathu kwizibiyeli kwindawo ethile nje kwisivakalisi ngasinye? Ngoku ke, kuphela omawukwenze kukuba ugqibe ngelona gama lilunge kweso sivakalisi kwiseti nganye yezibiyeli kwisivakalisi ngasinye uze ulibhale ke kwizithuba ezingakwisivakalisi ngasinye, ubhala unobumba abe mnye kwibhloko nganye. Kanti ke usenokuziva ufuna ukukhetha elinye igama kwizivakalisi xa uzalisa elinye ingenelo. Kanti ke, use ngawenza angafani onke amangenelo akho.
UYAYIBONA KE INDLELA EKULULA
NGAYO!



KULUNGILE KE!
lngenelo ngalinye olizalisayo lixabisa ama-60c. Lilonke ke xa uzalise lalinye kufuneka uthumele iposoda ye-60c, ukuze uthi ukuba uzalise amabini, ibe yiposoda ye-R1 ,20c. Ukuba ke uwazalise osixhenxe la mangenelo, kuya kufuneka uthumele iposoda ye-R4,20,



UKUTHUMELA AMANGENELO AKHO
Makhe sithi nje uzalise amangenelo amahlanu. Loo nto ke ithetha ukuba kuya kufuneka uthenge iposoda ye-R3 (ukhumbule, lngenelo ngalinye ye-60c). Ngoku ke, bhala Igama lakho ne-dilesi kwikhuphoni ngezantsi kwamangenelo amathathu okugqibela ngaphaya kwikhasi, uze ubhale apho nenombolo yeposoda yakho ngokunjalo. Ngoku -oku kUBALULEKE KAKHULU. KRAZULA IPHEPHA LEMAGAZINI LONKE NGOCOSELELO
MUSA UKUSIKA UKHUPHE NALIPHI NA KUMANGENELO
Ngoku ke, bhala ukuba iposoda yakho mayihlawulwe kWIBONA uze ke ufake
iphepha elo liphuma kwiBona kunye neposoda yakho kwimvulophu enye uze uyithumele apha: Bona Word Puzzle, Box 32046, Mobeni, 4060. Ungawaposi nge-rejista amangenelo akho, kunoko, sebenzisa loo maIi yerejista ngokuzalisa amanye amangenelo, uze uqinisekise ukuba amangenelo akho uwaposa kakuhle phambi komhla wokuvalwa kolu khuphiswano ongulo:

DISEMBA 27, 1996
IMITHETHO
1.	Ungawathumela amangenelo abe maninzi kangangoko uthanda, iikopi ezifotiweyo kunye nezinye iikopi ezifanelekileyo ziya kwamkelwa, Amangenelo axabisa ama-60c lilinye kunjalonje kufuneka akhatshwe yiposoda yemali epheleleyo. Amangenelo afunyenwe engenamali akasayi kwamkeleka, iiposoda mazingakhroswa.
2.	Amangenelo akasayi kwamkeleka ukuba ngaba omnye unobumba ubhalwe phezu komnye okanye xa nawaphi na amogama engafundeki. 3. Akakho oya kugqltha ngaphaya kwezigqibo zabagwebi.
4.	Nabani na angalungenela, ngaphandle kwabasebenzi base-Repubican Press kunye neentsapho zabo ezikufutshane.
5.	Naliphi no ingenelo elifika kuthi emva komhla wokuvala alisayi kuslwa so. Asisayi kuba natyala ngeefomu zokungenela ezilahlekayo okanye ezifika emva komhla wokuvala.
6.	Ukuba akakho owine mpela, ibhaso lentuthuzelo elingama-R5 000 liya kunikwa umntu othumele ingenelo eliphantse lachana. Ukuba kukho abantu abangaphezu komnye kwibhaso elikhulu okanye kwelentuthuzelo imali iya kwabiwa ngokulinganayo.
7.	lgama okanye amagama abaphumelele kwiWord Puzzle No 187 ava kukhutshwa kushicilelo luka-Matshi 1997 lweBonci.
8.	Amabhaso akakhutshelwa kuphela abakwindawo ezisebenzisa iiRandi eziyimali yoMzantsi. Afrika.
9.	Abantu abaphumelele kwiWord Puzzle kufuneka bavume ukufotwa.
10.	Amabhaso angalandwanga ngabanini bawo de kwaphela iinyanga ezi 6 abasayi kuwafumana.

Khumbula, kuya kubakho iword Puzzle eNTSHA kwiBona yenvanga elandelayo, ekunika ELINYE ithuba lokuwina ibhaso elikhulu esandleni



		BONA XHOSA - December 1996 121

12 BONA XHOSA - December 1996

